1 Ukubuya kwakhe uSawule emfazweni, evela kulwa namaFilistiya, waxelelwa ukuba uDavide wayekwintlango yase-Engedi.
2 USawule wathatha amawaka amathathu amadoda akhethiweyo kwaSirayeli, wangena ekhondweni, esiya kukhangela uDavide ngakwicala langasempumalanga laMaweempunzi.
3 Endleleni apho uSawule wafika kwindawo eneentango zeegusha. Apho bekukho umqolomba, waza uSawule wangena kuwo, efuna ukuya kuzithuma. Yayinguloo mqolomba kanye wayezímele kuwo uDavide namadoda akhe, besengontsini phakathi kanye.
4 Athi amadoda akhe akuyibona loo nto: “Nali ithuba lakho! Akazanga atsho *uNdikhoyo ukuthi wolunikela kuwe utshaba lwakho, wenze nantoni na ofuna ukuyenza ngalo?” Wachwechwa ke uDavide, wafika wasika isondo lesambatho sikaSawule, phofu uSawule engakuqondi okuqhubekayo.
5 Loo nto wayenza kuSawule yamdla kakhulu uDavide.