1 Wathi akubhubha uSamweli aqokelelana onke amaSirayeli, aza amzilela. Wangcwatyelwa kowabo eRama uSamweli.Emva koko uDavide wemka waya kuhlala kwintlango iParan.
2 Ke kaloku eMawon bekukho indoda eyayifuya eKarmele. Le ndoda ibimi kakuhle, inewaka leebhokhwe namawaka amathathu eegusha eyayizicheba eKarmele.
3 Igama laloo ndoda lalinguNabhali, lona elomkayo linguAbhigeli. Umfazi lowo wayehlakaniphile eyinzwakazi. Indoda yayingqwabalala, ingenambeko, yona ingumKalebhi.
4 Esentlango apho uDavide weva ukuba uNabhali ucheba iigusha.
5 Wathumela ishumi lamadodana eKarmele ukuba aye kumbuza impilo uNabhali.
6 Wathi ze bambulisele, badlulise iminqweno emihle nakwintsapho yakhe nako konke okwakhe, baze bathi:
7 “Inkosi yethu uDavide ithi: ‘Ndivile ukuba kuyachetywa kwakho. Ke abelusi bakho babekunye nathi, saza sabaphatha kakuhle, baza abalahlekelwa nto lonke elo xesha babekunye nathi eKarmele.