15 Wenjenje ukubhekisa kukumkani uSawule uSamweli: “Kungani na undiphazamisa nje undivusa?”Uphendule wenjenje uSawule: “Ndisengxakini enkulu! AmaFilistiya ayandihlasela, yaye noThixo undishiyile. Akasathethi nam ngomshumayeli nangamaphupha. Ndikubizele ukuba undixelele into emandiyenze.”
16 Wathi uSamweli: “Yini na ukuba ubuze kum, uNdikhoyo ekushiyile nje, wakujikela?
17 Le nto yenzeke kuwe ngoku yile ebekade ekuxelela yona ngam uNdikhoyo. Uluhluthile esandleni sakho ulawulo, walunika ummelwane uDavide.
18 Kaloku wena wala ukumthobela uNdikhoyo: akwenzanga ngokwengqumbo yakhe evuthayo kuma-Amaleki. Yiyo ke loo nto akwenze le nto nje uNdikhoyo ngoku.
19 Uza kukunikela esandleni samaFilistiya wena kunye namaSirayeli ephela. Ngomso oku wena kunye noonyana bakho sobe sikunye, yaye uNdikhoyo loo mkhosi wamaSirayeli uza kuwunikela esandleni samaFilistiya.”
20 Ngoko nangoko wawa bhaxa emhlabeni uSawule, egubha ngenxa yamazwi kaSamweli. Wayeselephelelwe nangamandla, kuba wayengazange wasa nto emlonyeni imini nobusuku.
21 Waya kuye loo mfazi, wafika uSawule efile kukoyika, waza wathi: “Mhlekazi, umkhonzazana wakho ukuthobele. Ubomi bam ndibubeke esichengeni ndenza ngokomyalelo wakho.