18 Kaloku wena wala ukumthobela uNdikhoyo: akwenzanga ngokwengqumbo yakhe evuthayo kuma-Amaleki. Yiyo ke loo nto akwenze le nto nje uNdikhoyo ngoku.
19 Uza kukunikela esandleni samaFilistiya wena kunye namaSirayeli ephela. Ngomso oku wena kunye noonyana bakho sobe sikunye, yaye uNdikhoyo loo mkhosi wamaSirayeli uza kuwunikela esandleni samaFilistiya.”
20 Ngoko nangoko wawa bhaxa emhlabeni uSawule, egubha ngenxa yamazwi kaSamweli. Wayeselephelelwe nangamandla, kuba wayengazange wasa nto emlonyeni imini nobusuku.
21 Waya kuye loo mfazi, wafika uSawule efile kukoyika, waza wathi: “Mhlekazi, umkhonzazana wakho ukuthobele. Ubomi bam ndibubeke esichengeni ndenza ngokomyalelo wakho.
22 Ngoku ke siphulaphule isicakazana sakho; mandikwenzele into etyiwayo, utye, ahlaziyeke amandla akho, uhambe indlela yakho.”
23 Wala uSawule, esithi: “Andiyi kusa nto emlonyeni!”Kambe ke amcenga amaphakathi kunye naloo mfazi. Ngenene woyisakala, wavuka, wahlala ebhedini.
24 Loo mfazi wakhawuleza waxhela ithole elondlekileyo awayenalo emzini wakhe; wathatha umgubo, waxova, wenza isonka esinganyuswanga.