2 Uphendule wathi uDavide: “Uza kuzibonela ngokwakho, mhlekazi, oko angákwenzayo umkhonzi wakho.”Uphendule wathi ukumkani uAkishe: “Yiyo ke loo nto ndifuna ukuba ube ngumlindi wam osisigxina wena.”
3 Ngelo xesha uSamweli wayeselebhubhile, aza onke amaSirayeli amzilela, amngcwaba eRama kwisixeko sakhe. Ngaloo mihla uSawule wayebagxothe kwaSirayeli bonke abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi.
4 Amabutho amaFilistiya aqokelelana, aya kumisa eShunem. Ke yena uSawule wawaqokelela amaSirayeli, umkhosi wawumisa entabeni iGilibhowa.
5 Wankwantya uSawule akuwubona umkhosi wamaFilistiya,
6 wabuza *kuNdikhoyo ukuba angathini na. UNdikhoyo akamphendulanga; nditsho nangamaphupha, kwankqu *nangeeurim neethumim, ukanti *nangabashumayeli.
7 Ngenxa yaloo nto ke uSawule wathi kumaphakathi akhe: “Ndifuneleni umfazi ovumisa ngoonomathotholo, ukuze sithathe iintonga, siye kuye.”“Ukho lo kuthiwa use-Endore,” kutsho amaphakathi.
8 USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”