1 Ngomhla wesithathu bagaleleka eZikelage ooDavide namadoda akhe. Bafika ama-Amaleki esanda kungenela amazantsi elakwaJuda, ahlasela neZikelage. Ayeyitshise pam loo dolophu,
2 athimba abafazi nabantwana bonke. Kwakungafanga mntu phofu; ayethimbe nje konke okushukumayo endleleni yawo.
3 Ukufika kwabo ooDavide bafika loo dolophu iluthuthu, abafazi noonyana kunye neentombi zabo kumkiwe nazo.
4 Hayi ke, abhomboloza loo madoda ada aphelelwa ngamandla.
5 Kwakuthathwe nabafazi ababini bakaDavide, uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.
6 Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.
7 UDavide wabiza unyana ka-Ahimeleki, uAbhiyatare umbingeleli, wathi kuye: “Khawuze *nesidanga eso, mfo ka-Ahimeleki.” Wasisa uAbhiyatare.