3 Ukufika kwawo ekampini amajoni asindileyo edabini akhuza amadoda amakhulu, athi: “Ngani ukuba namhlanje *uNdikhoyo asiyekele siswantsuliswe ngamaFilistiya? Masiye kuphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eShilo, ibe lapha phakathi kwethu, khon' ukuze isisindise esandleni seentshaba zethu.”
4 Kwathunywa izigidimi eShilo ukuba ziye kuphuthuma ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo onamandla onke, yena ongqongwe *zizithunywa ezimaphiko. Kweza noonyana bakaEli uHofeni noPineyasi, bekhapha ityesi yomnqophiso.
5 Atsho ngentlokomakazi enkulu amaSirayeli ukufika kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo ekampini, watsho wanyikima umhlaba!
6 Athi akuyiva loo ntswahla amaFilistiya, athi: “Yeyantoni na le ntsholo ingaka ekampini yamaSirayeli?” Athe akuva ukuba kufike ityesi kaNdikhoyo ekampini yamaSirayeli,
7 ankwantya kukoyika amaFilistiya, esithi: “Kufike uThixo ekampini yamaSirayeli! Yehaa! Ayizange ibekho into enjengale ngaphambili!
8 Sifile thina! Yaz'ba sosinda kanjani na esandleni salo Thixo unamandla? Asinguye na owabatshabalalisela entlango ngezibetho amaJiputa?
9 Yomelelani, maFilistiya! Yibani ngamadoda, hleze nathi sibe zizicaka zamaSirayeli kanye njengoko nawo ayezizicaka zethu! Kuf' ayayo, madoda!”