1 Ayithatha amaFilistiya ityesi kaThixo e-Ebhenezere, ayisa eAshdode.
2 Apho afika ayingenisa endlwini yothixo wawo uDagoni, ayimisa ecaleni kwakhe.
3 Ngentsasa elandelayo amaFilistiya afika, tyhini uDagoni uthe qungqululu emhlabeni, ewe ngobuso ngaphambi kwetyesi *kaNdikhoyo! Babuya bammisa kwasendaweni yakhe uDagoni.
4 Kwakhona ngentsasa elandelayo bafike tyhini kwakhona nanko uDagoni equngquluze ngaphambi kwetyesi kaNdikhoyo! Ngoku wayeqhawuke intloko nezandla, zingasemgubasini wendlu leyo, yena uDagoni esele esisibhukubhuku nje. (
5 Unanamhla oku ababingeleli bakaDagoni, nabani na ongena endlwini kaDagoni eseAshdode, uyawutsiba umgubasi ngenxa yale ntlekele.)