7 Athi amadoda alapho akuqonda le meko: “Le tyesi yoThixo wamaSirayeli mayisuke apha phakathi kwethu. Naku esimise kakubi kunye noDagoni uthixo wethu.”
8 Kwabizwa intlanganiso yeenkosi zamaFilistiya, kwabuzwa kuzo kwathiwa: “Nithi mayithiweni na le tyesi yoThixo wamaSirayeli?”Zaphendula zathi: “Mayisiwe eGati ityesi yoThixo wamaSirayeli.” Yasiwa apho ke.
9 Nalapho uNdikhoyo wabamisa kakubi abantu, batsho bazizantanta, wabathuthumbisa ngamathumba, omncinci nomdala ngokufanayo.
10 Yadluliselwa e-Ekron ityesi yomnqophiso kaThixo.Yathi isafikanje abantu balapho bakhalaza besithi: “Baze kusibulalisa ngalaa tyesi yoThixo wamaSirayeli thina nabantu bethu!”
11 Abantu balapho babiza iinkosi zamaFilistiya, babhekisa kuzo bathi: “Sincedeni; yisuseni apha kuthi le tyesi yoThixo wamaSirayeli. Mayibuyele kowayo, hleze isibulale thina nabantu bethu.” Kaloku bonke abantu besixeko babenkwantyisiwe kukufa, kuba uThixo wayebamise kakubi.
12 Abantu abangafanga babethuthunjiswa ngamathumba, senyuka isikhalo sesixeko, sada savakala nasezulwini.