11 Ayilayisha ityesi yomnqophiso enqweleni, ayilayisha naloo bhokisi iphethe imifuziselo yeempuku namathumba eyenziwe ngegolide.
12 Zenjenjeya ukusinga ngaseBhete-shemeshe ezo mazi, zithe ngqo endleleni, zihamba zinxakama njalo, zingatyekeli ngasekhohlo nasekunene. Zona iinkosi zamaFilistiya zazilandela zada zaya kuma ngomda waseBhete-shemeshe.
13 Ukuthi gqi kwayo ityesi yomnqophiso abantu baseBhete-shemeshe babesentlanjeni, bevuna ingqolowa. Yeka ke imincili yabo bakuyibona ityesi yomnqophiso!
14 Loo nqwelo yaya kuma malunga nelitye elikhulu entsimini yomfo ekwakusithiwa nguYoshuwa waseBhete-shemeshe. Bayinqunqa yaziinkuni loo nqwelo, baxhela nezo mazi, benzela ngazo uNdikhoyo idini elitshiswayo.
15 AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo.
16 Emva kokuba zibukele iinkosi zamaFilistiya zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.
17 AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron.