18 Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.
19 UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.
20 Abemi baseBhete-shemeshe bathi: “Kambe ke ngubani onako ukuma phambi *koNdikhoyo, lo Thixo wahluke kangaka? Singayithumela phi ityesi yakhe ukusuka apha?”
21 Bathumela izigidimi eKiriyati-yarim ukuba ziye kuthi kubemi balapho: “Ayibuyisile amaFilistiya ityesi yomnqophiso. Yizani niyiphuthume.”