1 Kasamweli 6:3-9 XHO96

3 Baphendula ababingeleli noosiyazi bathi: “Kaloku xa niyigodusa ityesi yoThixo wamaSirayeli, kufuneka ikhatshwe ngento yokungxengxezela ityala, ingahambi ingaphethe nto. Xa nenjenjalo niya kuphila, nitsho niyiqonde nembangi yokuba athi rhoqo ukunohlwaya uThixo kaSirayeli.”

4 Abuza amaFilistiya athi: “Ingakhatshwa ngantoni na yokungxengxezela ityala?”Bathi ukuphendula ababingeleli: “Kaloku kufuneka niyikhaphe ngamathumba amahlanu awenziwe ngegolide, kunye neempuku ezintlanu ezenziwe ngegolide; inye kwezo nto imele inkosi yamaFilistiya nganye. Kaloku nonke nabethwa ngobhubhani ngokufanayo kunye neenkosi zenu zontlanu.

5 Ze niyenze ke, bethu, le mifuziselo yamathumba enu nezi mpuku zenu zibhubhisa ilizwe, nimzukise uThixo wamaSirayeli. Mhlawumbi ke angatsho apheze ukunibetha nina kunye *noothixo benu nelizwe lenu.

6 Yini ukuba niqaqadeke, nixele amaJiputa nokumkani wawo? Kaloku uThixo wawaphatha gadalala amaJiputa, aza awayeka amaSirayeli agoduka.

7 “Ngoko ke yenzani inqwelo entsha, nize neemazi ezimbini ezinamankonyane ezingayaziyo idyokhwe. Zibopheni, wona amankonyane niwafake esibaya.

8 Ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo ze niyilayishe kuloo nqwelo, nize ecaleni layo nibeke ibhokisi enalaa mifuziselo yenziwe ngegolide, leyo ningxengxeza ngayo kuye. Nize ke iimazi niziyeke zizihambele.

9 Ze nijonge ke. Xa inqwelo ithe yasinga kowayo ngaseBhete-shemeshe, soqonda ngaloo nto ukuba kuthe kanti nguThixo kaSirayeli lo usithumele le ntlekele. Kodwa ke ukuba ayiyanga ngakhona siya kwazi ukuba asinguye obesithuthumbisa, yinto nje efane yehla.”