7 “Ngoko ke yenzani inqwelo entsha, nize neemazi ezimbini ezinamankonyane ezingayaziyo idyokhwe. Zibopheni, wona amankonyane niwafake esibaya.
8 Ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo ze niyilayishe kuloo nqwelo, nize ecaleni layo nibeke ibhokisi enalaa mifuziselo yenziwe ngegolide, leyo ningxengxeza ngayo kuye. Nize ke iimazi niziyeke zizihambele.
9 Ze nijonge ke. Xa inqwelo ithe yasinga kowayo ngaseBhete-shemeshe, soqonda ngaloo nto ukuba kuthe kanti nguThixo kaSirayeli lo usithumele le ntlekele. Kodwa ke ukuba ayiyanga ngakhona siya kwazi ukuba asinguye obesithuthumbisa, yinto nje efane yehla.”
10 AmaFilistiya enze njengoko ayeyalelwe. Abopha iimazi zambini, awavalela esibaya amankonyane.
11 Ayilayisha ityesi yomnqophiso enqweleni, ayilayisha naloo bhokisi iphethe imifuziselo yeempuku namathumba eyenziwe ngegolide.
12 Zenjenjeya ukusinga ngaseBhete-shemeshe ezo mazi, zithe ngqo endleleni, zihamba zinxakama njalo, zingatyekeli ngasekhohlo nasekunene. Zona iinkosi zamaFilistiya zazilandela zada zaya kuma ngomda waseBhete-shemeshe.
13 Ukuthi gqi kwayo ityesi yomnqophiso abantu baseBhete-shemeshe babesentlanjeni, bevuna ingqolowa. Yeka ke imincili yabo bakuyibona ityesi yomnqophiso!