6 Kwayiwa ke eMizpa kuloo mbizo, kwakhiwa amanzi, aza aphalazwa, kusenziwa umnikelo kuNdikhoyo. Kwakuzilwe imini yonke, abantu besithi: “Sinetyala kuNdikhoyo.” (NguSamweli owaba yinkokheli yamaSirayeli eMizpa.)
7 Athi akuva amaFilistiya ukuba nâko amaSirayeli eqokelelene eMizpa, aphuma ekhokelwa ziinkosi zawo ukuya kuhlasela amaSirayeli. Zaya kufika kumaSirayeli ezo ndaba, atsho awoyika amaFilistiya,
8 athi kuSamweli: “Uze ungayeki ukusitarhuzela kuNdikhoyo uThixo wethu, khon' ukuze asihlangule kumaFilistiya.”
9 USamweli wathatha itakane, wenzela uNdikhoyo ngalo idini elitshiswayo lilonke. Wacelela amaSirayeli uncedo kuNdikhoyo, weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.
10 Kanye xa uSamweli wayesenza elo dini, asondela amaFilistiya, elungiselela ukuhlasela amaSirayeli. Kuthe kanye ngoko kwavakala ukuzongoma kukaNdikhoyo, kusiza ngakumaFilistiya, atsho adideka, awabaleka amaSirayeli.
11 Asuka indulumbane amaSirayeli, ephuma eMizpa, awaleqa kujub' ugodo ukuya ngaseBhete-kare.
12 Emva koko uthathe ilitye lalinye uSamweli, walimisa phakathi kweMispa neShen, wathi igama laloo ndawo yiEbhenezere, esithi: “Kude kwakalokunje uNdikhoyo esinceda.”