1 Ke kaloku uthe uSamweli akwaluphala wamisela oonyana bakhe baba ziinkokheli zamaSirayeli.
2 Unyana omkhulu wayenguJoweli, omncinci inguAbhiya. Babeziinkokheli eBheshebha.
3 Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.
4 Amadoda amakhulu ke akwaSirayeli aqokelelana, aya kutsho eRama kuSamweli,
5 afika athi kuye: “Sewaluphele wena ngoku, yaye noonyana bakho abakufuzanga mpela. Ngoko ke sityumbele ukumkani, khon' ukuze nathi sifane nezinye izizwe, sibe nokumkani osilawulayo.”