15 Wobiza isahlulo sesishumi sengqolowa nediliya yenu, ayinike amagosa akhe.
16 Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena.
17 Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe.
18 Nakuba nimfumene kwanina niya kumkhalazela loo kumkani nimtyumbileyo. Ke yena uNdikhoyo akayi kuba saniphulaphula.”
19 AmaSirayeli akazange amphulaphule uSamweli, suka athi: “Hayi, sifuna ukulawulwa ngukumkani thina.
20 Xa kunjalo sofana nazo zonke ezinye iintlanga, sibe nokumkani osikhokelayo nasemfazweni.”
21 Wayiphulaphula yonke loo ntetho yabo uSamweli, waza waya kuyithetha ezindlebeni zikaNdikhoyo.