19 AmaSirayeli akazange amphulaphule uSamweli, suka athi: “Hayi, sifuna ukulawulwa ngukumkani thina.
20 Xa kunjalo sofana nazo zonke ezinye iintlanga, sibe nokumkani osikhokelayo nasemfazweni.”
21 Wayiphulaphula yonke loo ntetho yabo uSamweli, waza waya kuyithetha ezindlebeni zikaNdikhoyo.
22 UNdikhoyo waphendula wenjenje: “Kulungile ke, banike ukumkani.”USamweli ke uthe kumaSirayeli: “Makhe nigoduke, madoda.”