11 Amehlo am akaboni ziinyembezi;amathumbu am ayaxuxuzela;ndiphelelwe sisibindi,ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu,kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.
12 Babuza koonina bathi:“Siphi na isonka nesiselo?”xa besiwa isiduli ezitalatweni zesixeko, njengamadoda awoselweyo,xa beyoba besezandleni zoonina.
13 Ndingathetha ndithini na kuwe?Ndingakuthelekisa nantoni, ntombindini Jerusalem?Ndingakufanisa nantoni, khon' ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini Ziyon?Inxeba lakho linzulu okolwandle.Ngubani ongakunyangayo?
14 Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso;abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho.Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo.
15 Bonke abadlula kuwe bakuqhwabela izandla;bayaphoxisa, banikina iintloko,bekhangele kwintombi enguJerusalem,besithi: “Ngaba esi sesiya sixeko bekufudula kusithiwa yinzwakazi egqibeleleyo, yimihlali yehlabathi liphela?”
16 Uza kuba ngundaba-mlonyeni kwiintshaba zakho zonke,ziphoxise, zikunyevulele,zisithi: “Simginyile khona!Kunini silulindile olu suku!Salufumana, sada salubona.”
17 UNdikhoyo wenze ngokwezicwangciso zakhe;lizalisekile ilizwi lakhe awalixela kwakudala.Ukubhukuqe engenanceba,wenza ukuba iintshaba zakho zibe nemihlali;ewe, uluphakamisile uphondo lwababandezeli bakho.