Izililo 3 XHO96

Isohlwayo nethemba

1 Mna ndiyindoda eyivileyo imbandezelongenxa yentonga yomsindo wakhe.

2 Undibhexeshile wandenza ndahamba ebumnyameni endaweni yokukhanya.

3 Ewe, isandla sakhe sindijikele saphindelela imini yonke.

4 Unditsho ndashwabana ulusu nenyama;uwaphule amathambo am.

5 Undingqingile wandirhangqa ngeenzingo nentlupheko.

6 Undenze ndahlala ebumnyameni, ndangathi ngabo bafa mandulo.

7 Undibiyele macala onke ukuze ndingabi nakuphuma;undikhonxe ngamakhamandela obhedu andisindayo.

8 Naxa ndikhala ndicela uncedo,uyawuthintela umthandazo wam.

9 Umgaqo wam uwuvale ngamatye aqingqiweyo;iindlela zam uzenze zaba goso-goso.

10 Njengebhere elaleleyo, nanjengengonyama ezifihlileyo,

11 undikhuphe emendweni wandiqwenga,wandishiya apho ndingxwelerhekile.

12 Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.

13 Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.

14 Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.

15 Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.

16 Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.

17 Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.

18 Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”

19 Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.

20 Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.

21 Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;ngoko ke ndohlala ndinethemba.

22 Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.

23 Zihlala zintsha imihla ngemihla;kukhulu ukuthembeka kwakhe.

24 Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

25 UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,kwabo bamfunayo.

26 Kulungile ukuthi cwaka,uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.

27 Kulungile ukuba umntu ayithwale kwasebutsheni bakhe idyokhwe.

28 Makahlale yedwa athi cwaka,kuba uyithwaliswe nguNdikhoyo.

29 Makaguqe, ubuso buthi nqo eluthulini –lisenokubakho ithemba.

30 Makanikele isidlele sakhe kulowo unga angambetha,akwamkele ukuhlaziswa, anele kuko.

31 Kaloku iNkosi ayimlahli ngonaphakade umntu wayo.

32 Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.

33 Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.

34 Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,

35 nokugqwetha ityala lomntu emehlweni kaPhezukonke,

36 nokungayilamli ngobulungisa imbambano yomntu –ingaba iNkosi ayiziboni ezi zinto?

37 Ngubani onokuthetha kwenzeke xa iNkosi ingamyalelanga?

38 Azizi ngokutsho kukaPhezukonke na izinto ezimbi nezilungileyo?

39 Kungani na ukuba umntu abe nezikhalazo lo gama esaphila,xa esohlwaywa ngenxa yezono zakhe?

40 Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,size sibuyele kuNdikhoyo.

41 Iintliziyo zethu kunye nezandla zethumasiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:

42 “Sikreqile, sakuvukela,waza wena akwasixolela.”

43 Wena wambethe umsindo wasisukela,wasibulala ungenanceba.

44 Uzigqubuthele ngelifuukuze kungabikho mthandazo ufikelelayo kuwe.

45 Usenze inkunkuma nomququ phakathi kwezizwe.

46 Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.

47 Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.

48 Amehlo am agxiza iinyembezikuba abantu bakowethu bayatshabalala.

49 Iinyembezi ziyaqukuqela ukuphuma emehlweni am,zaye aziyi kuyeka, zingayi kunqamka,

50 de uNdikhoyo akhangele esezulwini abone.

51 Endikubonayo kuwenza buhlungu umphefumlo wamngenxa yeentombi zonke zesixeko sakowethu.

52 Abo baziintshaba zam ngaphandle kwesizathubandizingela njalo oku kwentaka.

53 Bazama ukundibulala ngokundeyelisela emhadini,baza bandigibisela ngamatye.

54 Andigubungela amanzi,ndada ndathi: “Kuphelile okwam!”

55 Ewe, Ndikhoyo, ndilibizile igama lakho ndisezantsi emhadini.

56 Undivile ndikubongoza ndisithi:“Musa ukuyivingca indlebe yakho xa ndibhenela kuwe ndicela uncedo.”

57 Usondele ndakukubiza,wathi: “Musa ukoyika.”

58 Ewe, Nkosi, undilamlele,wabuhlangula ubomi bam.

59 Ndikhoyo, uyibonile ingcinezelo ebendikuyo;nceda undilamlele kwityala lam.

60 Uyibonile indlela abaziphindezela ngayo kum,nawo onke amayelenqe abo ngam.

61 Kwowu, Ndikhoyo, uzivile izinyeliso zabonawo onke amayelenqe abo ngam.

62 Iintetho neengcamango zabo zichasene nam imihla yonke.

63 Bakhangele: behleli, behamba, benza amagwijo ngam.

64 Ndikhoyo, babuyekeze ngokufanelekileyo ngokwezenzo zezandla zabo.

65 Ziqaqadekise iintliziyo zabo, size sibe phezu kwabo isiqalekiso sakho.

66 Basukele usemsindweni,ubatshabalalise baphele phantsi kwezulu likaNdikhoyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5