Izililo 4 XHO96

Ukungcungcutheka kweJerusalem

1 Awu! Igolide ilahlekene nobukhazikhazi;suka eyona-yona yagqola!Amatye exabiso angcwele athe saa ekungeneni kwesitalato ngasinye.

2 Umlisela oliqhayiya laseZiyon,obufudula ixabiso lawo nqwa negolide,kodwa ngoku nqwa neembiza zomdongweezingumsebenzi wezandla zombumbi.

3 Neempungutye ziyancancisa, ziwondle amathole azo,kodwa abantu bam bangqwabalala njengenciniba yasentlango.

4 Iintsana zinxanwe lwada ulwimi lwee nca enkalakahleni.Abantwana bakhalela isonka, kodwa akukho mntu ubaphayo.

5 Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.

6 Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.

7 Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,zimhlophe kunobisi,imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,zinomkhitha okwesafire.

8 Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;azaziwa xa zihamba esitalatweni.Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;lome okweenkuni.

9 Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.

10 Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.

11 *UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.

12 Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.

13 Kodwa ke kwenzekile oko ngenxa yezono zabashumayeli bayo,nezikreqo zababingeleli bayo,abaliphalaze kuyo igazi lamalungisa.

14 Ngoku baphampatha ezitalatweni okwabantu abaziimfama.Igazi libadyobhe kangangokuba akukho mntu unga angazichukumisa izambatho zabo.

15 “Mkani; *nigqwalisekile!” batsho abantu kubo.“Sukani; sukani; ningakhe nilinge ukusondela kuthi!”Bakuba bebhacele ezintlangenizona ziya kuthi ngabo: “Abanakuhlala apha.”

16 Ubachitha-chithe ngokwakhe uNdikhoyo;uyekile ukubalondoloza.Abasahlonelwa ababingeleli;akasajongelwe nto amadoda amakhulu.

17 Amehlo ethu ade amfiliba kukujonga uncedo olungekhoyo;simi bhuxe kwiimboniselo zethu,sijonge uhlanga olungenako ukuhlangula.

18 Sichwechwelwa ngamadoda asizingelayongokokude singabi nakuhamba ezitalatweni zethu.Sisondele isiphelo sethu;ifinciwe imihla yethu;ewe, sifikile isiphelo sethu.

19 Ababesisukele babenesantya ngaphezu kwesokhozi;basileqa ezintabeni, basilalela entlango.

20 Umthanjiswa kaNdikhoyo, obubomi nomphefumlo wethu, wabanjiswa emigibeni yabo.Thina besiba xa siphantsi kwesithunzi sakhesoba ngabantu phakathi kwezizwe.

21 Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,wena ohlala elizweni laseUze.Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;uya kunxila uzihlube uhambe ze.

22 Wena ntombindini enguZiyon,siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,ayityhile inkohlakalo yakho.

kwizahluko

1 2 3 4 5