14 Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso;abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho.Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo.
15 Bonke abadlula kuwe bakuqhwabela izandla;bayaphoxisa, banikina iintloko,bekhangele kwintombi enguJerusalem,besithi: “Ngaba esi sesiya sixeko bekufudula kusithiwa yinzwakazi egqibeleleyo, yimihlali yehlabathi liphela?”
16 Uza kuba ngundaba-mlonyeni kwiintshaba zakho zonke,ziphoxise, zikunyevulele,zisithi: “Simginyile khona!Kunini silulindile olu suku!Salufumana, sada salubona.”
17 UNdikhoyo wenze ngokwezicwangciso zakhe;lizalisekile ilizwi lakhe awalixela kwakudala.Ukubhukuqe engenanceba,wenza ukuba iintshaba zakho zibe nemihlali;ewe, uluphakamisile uphondo lwababandezeli bakho.
18 Abantu bakhala eNkosini, besithi:“Nina zindonga zeZiyon, iinyembezi maziqukuqele okomfula imini nobusuku;musani ukuphumla, namehlo enu ningawaphumzi.
19 Vukani nihlahlambe ebusuku ekungeneni komlindo wobusuku;intliziyo yenu mayiphuphume okwamanzi phambi kweNkosi.Ziphakamiseleni kuyo izandla zenu, ngenxa yobomi babantwana benuabayobayo ngenxa yephango ekungeneni kwazo zonke izitalato.”
20 Khangela, Ndikhoyo, ubone;ngoobani owakha wabenjenje?Ingaba abafazi mabadle inzala yabo na,abantwana ababampelesayo?Ingaba umbingeleli nomshumayeli uthi mababulawe bafele esibingelelweni seNkosi na?