11 undikhuphe emendweni wandiqwenga,wandishiya apho ndingxwelerhekile.
12 Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.
13 Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.
14 Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.
15 Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.
16 Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.
17 Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.