14 Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.
15 Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.
16 Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.
17 Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.
18 Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”
19 Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.
20 Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.