28 Makahlale yedwa athi cwaka,kuba uyithwaliswe nguNdikhoyo.
29 Makaguqe, ubuso buthi nqo eluthulini –lisenokubakho ithemba.
30 Makanikele isidlele sakhe kulowo unga angambetha,akwamkele ukuhlaziswa, anele kuko.
31 Kaloku iNkosi ayimlahli ngonaphakade umntu wayo.
32 Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.
33 Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.
34 Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,