32 Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.
33 Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.
34 Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,
35 nokugqwetha ityala lomntu emehlweni kaPhezukonke,
36 nokungayilamli ngobulungisa imbambano yomntu –ingaba iNkosi ayiziboni ezi zinto?
37 Ngubani onokuthetha kwenzeke xa iNkosi ingamyalelanga?
38 Azizi ngokutsho kukaPhezukonke na izinto ezimbi nezilungileyo?