41 Iintliziyo zethu kunye nezandla zethumasiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:
42 “Sikreqile, sakuvukela,waza wena akwasixolela.”
43 Wena wambethe umsindo wasisukela,wasibulala ungenanceba.
44 Uzigqubuthele ngelifuukuze kungabikho mthandazo ufikelelayo kuwe.
45 Usenze inkunkuma nomququ phakathi kwezizwe.
46 Zonke iintshaba zethu ziphoxisa ngathi.
47 Siyangcungcutheka phakathi kwemihadi imbhubho nentshabalalo.