3 Neempungutye ziyancancisa, ziwondle amathole azo,kodwa abantu bam bangqwabalala njengenciniba yasentlango.
4 Iintsana zinxanwe lwada ulwimi lwee nca enkalakahleni.Abantwana bakhalela isonka, kodwa akukho mntu ubaphayo.
5 Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.
6 Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.
7 Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,zimhlophe kunobisi,imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,zinomkhitha okwesafire.
8 Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;azaziwa xa zihamba esitalatweni.Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;lome okweenkuni.
9 Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.