5 Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.
6 Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.
7 Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,zimhlophe kunobisi,imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,zinomkhitha okwesafire.
8 Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;azaziwa xa zihamba esitalatweni.Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;lome okweenkuni.
9 Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.
10 Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.
11 *UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.