9 Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.
10 Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.
11 *UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12 Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.
13 Kodwa ke kwenzekile oko ngenxa yezono zabashumayeli bayo,nezikreqo zababingeleli bayo,abaliphalaze kuyo igazi lamalungisa.
14 Ngoku baphampatha ezitalatweni okwabantu abaziimfama.Igazi libadyobhe kangangokuba akukho mntu unga angazichukumisa izambatho zabo.
15 “Mkani; *nigqwalisekile!” batsho abantu kubo.“Sukani; sukani; ningakhe nilinge ukusondela kuthi!”Bakuba bebhacele ezintlangenizona ziya kuthi ngabo: “Abanakuhlala apha.”