1 Ngomhla wokuqala kwinyanga yesithandathu kunyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi. Lalibhekiswa kwirhuluneli yamaJuda uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, kunye nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, lisithi:
2 “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Aba bantu bathi: “Eli alikabi loxesha lokuyakha indlu kaNdikhoyo.” ’ ”
3 Ke ilizwi likaNdikhoyo lafika kumshumayeli uHagayi lisithi:
4 “Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa?
5 Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.
6 Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’
7 “Utsho ke uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.