12 UJona waphendula wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, ukuze luzole. Kaloku ndiyaqonda ukuba ndim lo unizisele olu qhwithela.”
13 Kambe ke abaqhubi bazama kangangoko ukuyisa elunxwemeni inqanawa leyo. Kodwa ke nelo icebo lafadalala kuba ulwandle lwaya luthatha unyawo ngokulwa.
14 Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”
15 Amfunqula ke uJona, amphosa elwandle, lwaza ke ulwandle olulwayo lwadamba.
16 Le nto ke yawatsho amhlonela uNdikhoyo loo madoda, aza amenzela idini, enza nezibhambathiso kuNdikhoyo.
17 Kambe ke uNdikhoyo wayalela intlanzi enkulu, yaza yamginya uJona. Wahlala apho kuyo ke iimini ezintathu nobusuku bazo.