1 Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,
2 wathi:“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,waza ke yena wandiphendula.Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,waza ke wena waliva ilizwi lam.
3 Wena wandiphosa enzonzobileni,phakath' enzulwini yolwandle,yaza ke imisinga yandigubungela,amaza akho alatyuza andisibekela.
4 Ndathatha ndibeka ndisithi:‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.
5 Andigubungela phants' andirhaxa amanzi,ndathi zwabhabha enzonzobileni.Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.
6 Ndatshona ndehla mpela,ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba.Ndafika nakwelo lizweelivalwe mfamlibe ngemivalo.Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam,wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.
7 “Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka,suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo,umthandazo wam wanyukela kuwe,waya kutsho endlwini yakho engcwele.
8 Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto,balahlekana nenceba yakho.
9 Ke mna ndonikela kuwe ngedini,ndihlabele iculo lokukudumisa.Ndosifezekisa isibhambathiso sam.Usindiso lukuNdikhoyo.”
10 Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.