Ujona 4 XHO96

Ukucaphuka kukaJona nenceba kaThixo

1 Ke kaloku esi sehlo samkhathaza uJona, wacaphuka gqitha.

2 Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo.

3 Ngoko ke ndiyakubongoza, Ndikhoyo, buthathe ubomi bam, kuba kum ukufa kungcono kunokudla ubomi.”

4 UNdikhoyo waphendula wathi: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe?”

5 Ke kaloku uJona waphuma waya empuma yeso sixeko, waza ke wahlala phantsi. Wazakhela iphempe, waza wahlala emthunzini walo ukuze ayibukele kakuhle loo nto yayiza kwehla apho eNiniva.

6 Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi.

7 Kambe ke ekuseni ngengomso uThixo wawuthumela ngombungu loo mthi, wawugrenya watsho wabuna.

8 Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”

9 Ke kaloku uThixo wathi kuye: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe ngenxa yalo mthi?”UJona wathi: “Ndifanele ukuvutha ngumsindo, nditsho onokude undise ekufeni!”

10 UNdikhoyo wathi kuye: “Lo mthi uwukhathalele ngani, ungakhange ubulaleke nje ngawo, futhi ungakhuliswanga nanguwe? Lo mthi ukhule ngobusuku, wabuya wafa kwangobusuku.

11 Ke, uthi kukangakanani kum mayela nesi sixekokazi siyiNiniva? Uthi mandingavelani naso ngoku sinabantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini lamawaka, abangekawazi umahluko phakathi kwesandla sasekunene nesasekhohlo, kwakunye ke nemfuyo eninzi?”

kwizahluko

1 2 3 4