1 “Ngoko ke lo myalelo ubhekiswa kuni, babingelelindini.”
2 *UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.
3 “Niyabona, ndosinqamla isizukulwana senu, ubuso benu ndibutyabeke ngomswane, nize nilahlwe kunye naloo mswane.
4 Noqala niqonde ke ukuba ndaninika lo myalelo ukuze umnqophiso wam noLevi ungaze wanqamka.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
5 “Umnqophiso wam noLevi wawungowobomi noxolo, ndaza ke ndamnika ezo zinto ukuze andihlonele. Ngenene wandihlonela, waloyika igama lam.
6 Imfundiso ephuma emlonyeni wakhe yayinyanisekile, kungafumaneki nkohliso emilebeni yakhe. Wahamba nam enoxolo nangokuthe ngqo, wabuyisa abantu abaninzi ebugwenxeni.
7 “Imilebe yombingeleli imelwe kukugcina ulwazi, abantu bafumane umyalelo emlonyeni wakhe, kuba kaloku ungumthunywa kaNdikhoyo onamandla onke.