1 Kwakukho mfo uthile ogama linguBhowazi owayesisizalwane sasemzini kaNawomi. Wayengowesiduko sikaElimeleki, engumfo owaziwayo.
2 UmMowabhikazi uRute wathi kuNawomi: “Mandikhe ndiye emasimini, ndibhikice kulaa ngqolowa ivunwayo, ndikhwahlaze emva komntu ondivumelayo.”“Hayi kulungile, ungahamba, mntwan' am,” watsho uNawomi.
3 Wanduluka ke uRute ukuya emasimini. Wafika walandela abavuni, ehamba ebhikica. Kwathi kanti loo nto uyenza entsimini kaBhowazi owayezalana noElimeleki.
4 Ke wafika uBhowazi, evela eBhetelehem. Wababulisa abavuni, esithi: “UNdikhoyo ubenga angaba nani!”Baphendula bathi bona: “Camagu! Akuthamsanqelise nawe uNdikhoyo!”