1 Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,
2 lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ,ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo,ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.
3 Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,nina benza umyalelo wakhe.Zingelan' ubulungisa nentobeko,mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.
4 IGaza yolil' ibhungane,iAshkelon isale ingamabhodlo.Kanye emin' emaqandaiAshdode iya kuqongqothwa,ke yona iEkron incothulwe.
5 Yeha ke, nina bemi ngaselwandle!Yeha ke, nina maKreti!Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani:“Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa,kungabikho namnye umi kuwe.”
6 Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.
7 Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.