Uzefaniya 1 XHO96

Intshayelelo

1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya. Ngoko ke kwakungethuba lolawulo lukaJosiya unyana ka-Amon owayengukumkani kwaJuda.

Isilumkiso ngentshabalalo

2 “Ndosuka nditshayele konke nje,ndikhucule konke ehlabathini.”Nguwo lowo umlomo *kaNdikhoyo.

3 “Ndotshayela nje umntu nesilwanyana.Ewe, ndozitshabalalisa iintaka esibhakabhakeni,ndenjenjalo nasezintlanzini zolwandle.Ndobasusa abakhohlakeleyo bezizikhubekiso,ndimnqamle kuphele umntu ehlabathini.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

4 “Isandla sam ndosolulela kuJudanakubo bonke abemi beJerusalem,ndiwanqamle kule ndawo amasalela kaBhali,ndiwacime amagama abanquli-zithixo kunye nababingeleli bazo –

5 nditsho bona abo baguqa phezu kwezindlu benqula iinkwenkwezi,abo baguqayo bafunge uNdikhoyo,ukanti ke bakwafunga noMalkam,

6 abo bakreqileyo ekulandeleni uNdikhoyo,abo bangasamfuni nganto uNdikhoyo,kungekho nanto bayibuzayo kuye.

7 Ewe, yithini cwaka phambi kweNkosi uNdikhoyo;kaloku imini kaNdikhoyo isemnyango.Yena ulilungisile idini,ubangcwalisile abo abamemileyo.

8 Ngaloo mini yedini likaNdikhoyondiya kuwohlwaya amatshawe,ndibabethe oonyana bokumkaninâbo bavatha impahla yasemzini.

9 Ngaloo mini ndiya kubohlwaya bonke abatsiba umgubasi womnyango,abazalisa indlu yothixo wabo ngogonyamelo kunye nenkohliso.

10 “Ngaloo mini,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,“kovakala isikhalo ngakwiSango leeNtlanzi,ibe sisijwili ngakuMzi oMtsha,kuvakale isithonga ngasezindulini.

11 Yenzani isijwili, nina bahlala esigingqini.Bonke abarhwebi botshatyalaliswa,bavuthululwe abashishina ngesiliva.

12 Ngelo xesha ndophath' izibane ndiphicothe iJerusalem,ndibohlwaye abo bangakhathalele nto,abo bafana newayini enentlenge,abathi: ‘UNdikhoyo soze enze nto,nditsho nokuba intle okanye imbi.’

13 Ubutyebi babo buya kuxhatshazwa,izindlu zabo zona zibhodlozwe.Boba ngazakha ke izindlu,kodwa bangaze bahlale kuzo.Ewe, bozilima izidiliya,kodwa bangaze basele wayini yazo.”

Imini enkulu kaNdikhoyo

14 Isondele imini enkulu *kaNdikhoyo;ewe, isondele, yaye iza ngokukhawuleza.Yivani! Isikhalo soba krakra ngemini kaNdikhoyo –nditsho imikhwazo yamagorha ngaloo mini.

15 Leyo yoba yimini yengqumbo,imini yokuxhwaleka nosizi,umhla wentshabalalo nembubho,umhla wobumnyama nesithokothoko,imini yamafu nomnyam' ombonde-mbonde,

16 umhla wesigodlo nentlaba-mkhosiebhekisa kwizixeko ezinqatyisiweyonakwezo nqaba ziphakamileyo.

17 Abantu ndobazisela inkxwaleko;bosuka bafathule ngathi ziimfama.Kaloku bamonile uNdikhoyo.Igazi labo lophalala njengothuli,imizimba yabo ivuthuluke njengobulongwe.

18 Soze yabasindisa igolide nesiliva yabongaloo mini yengqumbo kaNdikhoyo.Umhlaba wotshiswa wonke ngumlilo wekhwele lakhe.Uya kubenzela isiphelo esipheleleyo nesikhawulezileyo bonke abemi behlabathi.

kwizahluko

1 2 3