Uzefaniya 2 XHO96

1 Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,

2 lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ,ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo,ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.

3 Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,nina benza umyalelo wakhe.Zingelan' ubulungisa nentobeko,mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.

Intshabalalo kwizizwe eziphahle uSirayeli

4 IGaza yolil' ibhungane,iAshkelon isale ingamabhodlo.Kanye emin' emaqandaiAshdode iya kuqongqothwa,ke yona iEkron incothulwe.

5 Yeha ke, nina bemi ngaselwandle!Yeha ke, nina maKreti!Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani:“Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa,kungabikho namnye umi kuwe.”

6 Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.

7 Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.

8 “Ndizivile izithuko zikaMowabhi,ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.Ewe, babathukile abantu bam,bangenelela emideni yabo.

9 Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,ama-Amon abe njengeGomora,indawo yokhula nemihadi yetyuwa.Yoba yinkangala ngonaphakade.Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”

10 Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.

11 UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.Izizwe macala onke ziya kumnqula;bebonke ke kwimihlaba yabo.

12 “Nani ngokwenu, maKushe,niya kubulawa ngekrele lam.”

13 Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla,ayitshabalalise iAsiriya,ayenze ibe linxuwa iNiniva,isale iyinkangala enjengentlango.

14 Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi;ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana.Soba lapho isikhova nesihulu-hulu,side silale kuloo miwewe,zikhwazane kwezo festile,ibe emnyango iyinkunkuma yodwa,imiqadi yomsedare isele izé.

15 Koba njalo okwesixeko esonwabileyo,esisoloko sihleli sikhuselekile.Kaloku sona sasisithi:“Ndim ndodwa; akukho wumbi.”Ndlela le singamabobosi ngayo!Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa.Ke abadlulayo bobetha umlozi,babambe ongezantsi.

kwizahluko

1 2 3