6 Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.
7 Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.
8 “Ndizivile izithuko zikaMowabhi,ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.Ewe, babathukile abantu bam,bangenelela emideni yabo.
9 Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,ama-Amon abe njengeGomora,indawo yokhula nemihadi yetyuwa.Yoba yinkangala ngonaphakade.Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”
10 Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.
11 UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.Izizwe macala onke ziya kumnqula;bebonke ke kwimihlaba yabo.
12 “Nani ngokwenu, maKushe,niya kubulawa ngekrele lam.”