2 Kwabasetesalonika 3 XHO96

Sithandazeleni

1 Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, sithandazeleni, khon' ukuze ilizwi lodaba lweNkosi likhawuleze ukunwenwa kuzo zonke iindawo, nokuze linikwe imbeko nanjengoko kwaba njalo phakathi kwenu.

2 Nam nindithandazele ukuze ndihlangulwe kubantu abakhohlakeleyo abanobuqhokolo. Kaloku asingabo bonke abantu abalwamkelayo udaba lweNkosi.

3 Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.

4 Ndinithembile, nimanywe neNkosi nje, ukuba nohlala nisenza izinto endiniyalele zona.

5 Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.

Umsebenzi yimfanelo

6 Ndiyaniyala, mawethu, ngegunya legama leNkosi uYesu Krestu, ukuba nizikhwebule nakubani othi ulikholwa abe engenwe ngumkhwa wokungakhathali, nakulowo uyidelayo imfundiso yethu.

7 Nazi mhlophe ukuba nina nimelwe kukuhamba ekhondweni lam. Mna bendingavilaphi phakathi kwenu.

8 Bendingenanto ndiyifumana nje mahala, ndingayisebenzelanga. Bendisebenza nzima ubusuku nemini, endaweni yokuba ndibe ngumthwalo kuni.

9 Ewe, bendinalo ilungelo lokuyifumana kuni inkxaso, koko ndithande ukuninika umzekelo.

10 Kaloku ndandithe kuni: “Umntu olinqenerha makangaphiwa kutya.”

11 Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu.

12 Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.

13 Nina ke kodwa, zihlobo zam, maze ningadinwa kukwenza okulungileyo.

14 Kungenzeka kubekho othe kanti uyayidela le miyalelo yale ncwadi. Ukuba ke kuthe kanti kunjalo, mqapheleni loo mntu, nimbukule phakathi kwenu, ade asidanele isimilo sakhe.

15 Anditsho phofu ukuba nimthathe njengotshaba. Hayi, ze nimcenge nina, nimluleke njengomntakwenu.

Isiphetho

16 Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.

17 Ndibhala ngesam isandla. Nasi ke isandla sam: Ndiyabulisa mna Pawulos.

18 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke.

kwizahluko

1 2 3