2 Kwabasetesalonika 2 XHO96

Okhohlakeleyo

1 Mayela nokubuya kweNkosi yethu uYesu Krestu, nokuhlangana kwethu nayo: ndiyanibongoza,

2 musani ukuthatheka msinya, okanye nidideke lula ngamarhe athi iMini yeNkosi isemnyango; noba kukho mntu uthi uyixelelwe ezulwini loo nto, okanye uyixelelwe ngomnye umntu, kanti noba ningade nifumane ileta engathi ivela kum isitsho, lumkani.

3 Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala.

4 Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.

5 Ngaba senilibele? Kaloku ndandinixelele yonke le nto ngokuya ndandilapho.

6 Ngokunjalo nani niyayiqonda into embambileyo ukuba angaveli phambi kwexesha elimisiweyo.

7 Kuba selekho kambe amandla enkohlakalo asebenza ngokufihlakeleyo. Ewe, asebenza ngokufihlakeleyo okwangoku, elinde ukuba ade emke lowo umbambezeleyo.

8 Uya kuthi ke akuvela loo mchasi-mthetho, iNkosi uYesu imbulale ngelizwi layo nje kuphela, imtshabalalise ngobumenyemenye bobungangamsha bokufika kwayo.

9 Ukufika kwalo mchasi-mthetho ngumsebenzi kaSathana; yaye uya kuphelekwa yimisebenzi yamandla nemiqondiso nemimangaliso yenkohliso,

10 kubekho zonke iintlobo zolahlekiso ezinokwenziwa bububi kwabo baya kwantshabalalo. Ewe, baya kutshabalala, kuba kaloku bona abalwamkelanga uthando lukaKrestu nenyaniso yakhe, ukuze basindiswe.

11 Ngoko ke uThixo ubayekele ngolahlekiso olusebenza kubo, ukuze bamkele ubuxoki.

12 Ngenxa yale nto ke bonke abangayamkelanga inyaniso, abasuke bavuyela ukuxhamla isono, baya kugwetywa.

Ninyulelwe usindiso

13 Sifanele ukuba simbulele uThixo singaphezi ngenxa yenu, mawethu athandiweyo yiNkosi. Kuba kaloku uThixo waninyula kwasekuqaleni ukuze nisindiswe ngokwenziwa nyulu nguMoya wakhe, nangokukholwa kuyo inyaniso.

14 UThixo wanibiza ngeendaba ezimnandi esazishumayelayo kuni; wanibiza ukuze nifumane isabelo kubuqaqawuli beNkosi yethu uYesu Krestu.

15 Ngoko ke, mawethu, yimani ningahexi kwizithethe esanifundisa zona ngomlomo nangeeleta.

16 Yanga iNkosi yethu uYesu Krestu ngenkqu noThixo uBawo wethu, owasithandayo, ngesisa sakhe wasinika ukukhuthala nethemba eliyokozelayo,

17 wanga angaziphuphumisa iintliziyo zenu ngenkuthalo, anomeleze ukuze nenze, nithethe, izinto ezilungileyo.

kwizahluko

1 2 3