5 Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
6 Ndiyaniyala, mawethu, ngegunya legama leNkosi uYesu Krestu, ukuba nizikhwebule nakubani othi ulikholwa abe engenwe ngumkhwa wokungakhathali, nakulowo uyidelayo imfundiso yethu.
7 Nazi mhlophe ukuba nina nimelwe kukuhamba ekhondweni lam. Mna bendingavilaphi phakathi kwenu.
8 Bendingenanto ndiyifumana nje mahala, ndingayisebenzelanga. Bendisebenza nzima ubusuku nemini, endaweni yokuba ndibe ngumthwalo kuni.
9 Ewe, bendinalo ilungelo lokuyifumana kuni inkxaso, koko ndithande ukuninika umzekelo.
10 Kaloku ndandithe kuni: “Umntu olinqenerha makangaphiwa kutya.”
11 Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu.