6 Ndiyaniyala, mawethu, ngegunya legama leNkosi uYesu Krestu, ukuba nizikhwebule nakubani othi ulikholwa abe engenwe ngumkhwa wokungakhathali, nakulowo uyidelayo imfundiso yethu.
7 Nazi mhlophe ukuba nina nimelwe kukuhamba ekhondweni lam. Mna bendingavilaphi phakathi kwenu.
8 Bendingenanto ndiyifumana nje mahala, ndingayisebenzelanga. Bendisebenza nzima ubusuku nemini, endaweni yokuba ndibe ngumthwalo kuni.
9 Ewe, bendinalo ilungelo lokuyifumana kuni inkxaso, koko ndithande ukuninika umzekelo.
10 Kaloku ndandithe kuni: “Umntu olinqenerha makangaphiwa kutya.”
11 Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu.
12 Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.