4 Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.
5 Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi!
6 Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.
7 Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.
8 Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.
9 Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam.
10 Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.