6 Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.
7 Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.
8 Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.
9 Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam.
10 Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.
11 Mhlobo oyintanda, ungaze uyilinganise imikhwa emibi; uze ufunde umzekelo omhle. Wonke umntu owenza okulungileyo ngokaThixo. Kodwa lowo wenza okubi akakabonani noThixo.
12 Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.