Kutito 2 XHO96

Imfundiso ephilileyo

1 Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.

2 Amadoda amakhulu makangabi ngomanxila; makazimaseke, abe ngcathu; enokholo, nothando, nonyamezelo.

3 Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa,

4 ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo.

5 Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.

6 Kanti nabo abafana bafundise ukuziphatha ngobungcathu.

7 Kuyo yonke into oyenzayo yiba ngumzekelo omhle kubo. Xa ufundisa, mababone ukuzimisela nokundiliseka kwakho.

8 Yonke intetho yakho mayibe ngamazwi akhethiweyo, ukuze okuphikisayo akhohlwe kukuthetha, axakeke, angabi nandawo yakugxeka.

9 Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo,

10 zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.

11 Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu.

12 Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.

13 Senjenjalo sikhangele ngethemba kuloo mhla aya kuvela ngawo enobungangalala uThixo wethu omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Krestu.

14 Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.

15 Zizo ke ezo iingongoma omawuzifundise, usebenzisa igunya lakho, ukhuthaza, ungxolisa. Makungabikho mntu ukudelayo.

kwizahluko

1 2 3