Kutito 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos osisicaka sikaThixo *nomthunywa kaYesu Krestu. Ndamiselwa ukholo lwabantu bakaThixo abanyuliweyo, nokwaziwa kwenyaniso njengoko injalo kunqulo lwethu,

2 kunye nethemba lobomi obungenasiphelo. Ewe, uThixo ongasoze axoke wasithembisa ngobomi obungenasiphelo kwakwizizukulwana zamandulo.

3 Ngoku ke uthe ngexesha lakhe elifanelekileyo wabutyhila ngokwakhe ngokuvakaliswa kodaba lwakhe andiphathise lona ngommiselo kaThixo onguMsindisi wethu.

4 Ndibhalela uTito, unyana wam ngenene ngokwaselukholweni esidlelana ngalo. Ndithi: Kuwe makube sisisa noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, noKrestu Yesu uMsindisi wethu.

Umsebenzi kaTito eKrete

5 Ndakushiya apho eKrete ngenjongo yokuba umise izinto ngendlela efanelekileyo, ngakumbi ke ukuba umisele amadoda amakhulu kuzo zonke iidolophu ngokomyalelo wam kuwe. Yiyo le loo miyalelo:

6 Indoda leyo mayibe ngumntu ongenabala, oyindoda enomfazi omnye, obantwana bakholwayo, bangadumi ngobundlobongela, nentswela-mbeko.

7 Njengesicaka sikaThixo inkokheli mayibe ngumntu ovunyiweyo ngesimilo. Mayingabi nguzwi-lakhe, okanye umntu onephuku; mayingabi linxila okanye indlobongela, ingabi ngumntu olithandamali,

8 kodwa makabe nobubele, ayithande into entle, abe ngozinzileyo ngengqondo, ongenamkhethe, abe ngozinikeleyo, ezoyisa.

9 Kufuneka ayithande imfundiso yodaba oluthembekileyo, ukuze abanike imfundiso ephilileyo abaphulaphuli, akwazi ukubakhalimela abachasayo.

10 Ngenene baninzi abavukeli abalahlekisa abanye ngemfeketho, ingakumbi abo basuka kwinkolo yobuJuda.

11 Kufuneka ubavale imilomo abanjalo, kuba balukuhla imizi ngokufundisa izinto ezingafanelekanga, ngeenjongo zokuzuza imali.

12 Omnye umshumayeli wamaKrete wathi ukuthetha ngamawabo: “AmaKrete ngamaxoki, ziindlobongela, ngamanqenerha nezinyolu-nyolu.”

13 Ngenene loo nto yinyaniso! Ngoko ke esi sisizathu esenza kube yimfuneko ukuba ubakhalimele ngqongqo, khon' ukuze bafumane ukholo oluphilileyo,

14 endaweni yokulandela iintsomi zobuJuda nemigaqo yabantu, engumsebenzi wabantu abayifulatheleyo inyaniso.

15 Yonke into inyulu kwabo banyulu; kodwa ke akukho nto inyulu kwabangqondo zingcolileyo, bengakholwa. Kaloku ingqiqo nezazela zabo zingcolile.

16 UThixo bayamvuma ngomlomo, kodwa bayamphika ngezenzo zabo. Iinkani zabo zenza bangabi nako mpela ukwenza umsebenzi omhle.

kwizahluko

1 2 3