2 Kutimoti 4 XHO96

1 Ndiyakuyala phambi koThixo noYesu Krestu oza kugweba abahleliyo nabafileyo, xa afikayo eze kulawula.

2 Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.

3 Liyeza lona ixesha lokuba abantu banganeliswa konke yimfundiso emsulwa. Bosuka balandele iingqiqo zabo, bazifunele abafundisi abaninzi bokubafundisa izinto abazilangazelelayo.

4 Baya kuyifulathela inyaniso, baphulaphule iintsomi.

5 Kodwa ke wena zola; ngamaxesha onke hlala ugcisile. Khalipha xa kunzima. Iindaba ezimnandi zihambise, uzenze zonke iimfanelo zobizo lwakho.

6 Okokwam ke mna, ubomi bam sebuphalazwa njengedini; nexesha lam lokunduluka selisongekile.

7 Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile.

8 Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.

Imiyalezo

9 Zama kangangoko unako ukuba uze kundibona ngokukhawuleza.

10 Kaloku uDemas undibalekile, waya eTesalonika ngenxa yokuthanda izinto zeli lizwe. UKreske yena useGalati, yena uTito useDalmati.

11 NguLuka yedwa okhoyo apha kum. Xa uzayo uze ungamshiyi uMarko, kuba uluncedo olukhulu kum emsebenzini.

12 UTikiko ndimthume e-Efese.

13 Xa uzayo uze undiphathele ingubo yam endayishiya kuKarpo eTrowa, kunye neencwadi, ingakumbi ezamanqaku.

14 UAlesandire, ingcibi yezinto zekopolo, wandenza into embi. INkosi yondiphindezela kuye!

15 Nawe kungakuhle umlumkele. Wayendiphikisa kakhulu kuyo yonke into endiyithethayo.

16 Akuzanga kubekho namnye umntu oweza kundixhasa ukuqala kokuvavanywa kwetyala lam. Bonke bandishiya enyanyeni. Wanga akangebohlwayi ngaloo nto uThixo!

17 INkosi yaba nam, yandomeleza phezu koko. Ndaba nako ukuzishumayela iindaba zayo ezimnandi, abantu beentlanga zonke bephulaphule. Yandihlangula emlonyeni wengonyama.

18 Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini.Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! *Amen.

Imibuliso

19 Bulisa kuPriska nakuAkwila, nakusapho lukaOnesiforo.

20 UErasto wasala eKorinte. Yena uTrofimo ndamshiya eMileto kuba wayengaphilanga.

21 Nceda ufike kungekabi sebusika. OoYubhulo noPudens noLino kunye noKlawudiya bayabulisa. Onke amakholwa ayabulisa ngokunjalo.

22 INkosi mayibe nawe. Makanenzele isisa uThixo nonke.

kwizahluko

1 2 3 4