2 Kutimoti 2 XHO96

Ijoni elinyanisekileyo likaKrestu

1 Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.

2 Wayiva phambi kwamangqina amaninzi imfundiso yam. Loo mfundiso ke yinike amadoda onokuwathemba, ibe ngamadoda anako ukuyifundisa abanye.

3 Yiba nenxaxheba nawe ezinzingweni njengejoni elithembekileyo likaKrestu Yesu.

4 Ijoni elisemsini alizixakekisi ngezinto zentlalo yemihla-ngemihla. Kufuneka libe soloko lilinde ukuyalelwa ngumphathi walo.

5 Kwakhona imbaleki ayinako ukuthiwa jize ngembasa ingayithobeli imigaqo.

6 Umlimi osebenza nzima ufanelwe sisahlulo sokuqala esivunweni.

7 Zigqale ezi ndawo, yaye iNkosi yokunceda uziqonde kakuhle.

8 Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi.

9 Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.

10 Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.

11 Athembekile la mazwi athi:“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.

12 Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.

13 Ukuba asinyaniseki, uhlala enyanisekile yena,kuba kaloku akanakuzikhanyela yena siqu.”

Isicaka esivunyiweyo

14 Hlala ubakhumbuza abantu, ubalumkise phambi koThixo, bangenzi zingxoxo zixabanisayo, kuba azakhi, koko ziyabenzakalisa abaphulaphuli.

15 Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.

16 Sukungena kwiincoko ezilambathayo zeli phakade, kuba abo bangena kuzo baya bechasela kuThixo.

17 Ngokunjalo nemfundiso yabo inwenwa okwesilonda esibhidlayo. Banjalo ooHimeniyo noFileto.

18 Bayiphosile inyaniso, futhi bawawisile amanye amakholwa, besithi uvuko lwabafileyo selufikile.

19 Kodwa sona isiseko esimiswe nguThixo asigungqi, sinombhalo othi: “INkosi iyabazi abayo,” kwanothi: “Wonke umntu olibizayo igama leNkosi makahlukane nesono.”

20 Uyabona ke, endlwini enkulu kubakho iindidi ngeendidi zezitya: ezinye zezegolide, ezinye zezesiliva, zimbi zezomthi, ezinye zezodongwe; ezinye zazo zixabisekile, kanti ke ezinye azixabisekanga.

21 Ukuba umntu uyazikhwebula ekungcoleni abe nyulu, uya kuxabiseka, iNkosi yakhe ibe nako ukumsebenzisa nakuwuphi na umsebenzi omhle.

22 Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.

23 Sukuthatha nxaxheba kwiingxoxo ezilambathayo zobudenge! Kaloku zona isiphelo sazo yingxabano.

24 Isicaka seNkosi asifanele kulwa, koko sifanele ukuba nobubele kubantu bonke. Sifanele ukuba nemfundiso, sinomonde,

25 sithantamise xa siluleka abo bachasayo. Kaloku iNkosi isenokubapha inguquko, bayiqonde inyaniso,

26 baze babuyele ezingqondweni, benze intando kaThixo, basiphephe isabatha abebebanjiswe ngaso ngumtyholi.

kwizahluko

1 2 3 4