2 Kutimoti 1 XHO96

Isingeniso

1 Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokuthanda kukaThixo, owandithuma ukuba ndishumayele isithembiso sobomi, esinabo ngokumanywa noKrestu Yesu.

2 Ndibhalela unyana wam endimthandayo uTimoti. Ndithi: Kuwe makube sisisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uYise noYesu Krestu iNkosi yethu.

Umbulelo nenkuthazo

3 Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam.

4 Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam.

5 Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe.

6 Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla.

7 Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

8 Ngoko ke sukuba nazintloni ukungqinela iNkosi, nangam mna mbanjwa wayo. Ndaweni yaloo nto yiba nenxaxheba ezimbandezelweni ezihamba nodaba lukaKrestu, usomelezwa nguThixo.

9 Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

10 Ngoku ke butyhilekile kuthi ngokufika koMsindisi wethu uKrestu Yesu. Kaloku yena uwaphul' iimpondo amandla okufa, waza waveza ubomi nokungabhubhi ngeendaba ezimnandi.

11 UThixo wandimisela ukuba ndibe ngumbhengezi weendaba ezimnandi, *umthunywa, nomfundisi.

12 Yiyo le nto ndinyamezele le meko nje. Kanti ke andoyiki nto ngaloo nto, kuba ndiyamazi kaloku endimthembileyo. Ndimthembile kuba unako kaloku ukuyilondoloza loo nto andigcinise yona, kude kufike loo Mini yakhe.

13 Ke hlala ugcine umzekelo wemfundiso yenene owayiva ngam, uhlale unokholo nothando, izinto esinazo ngokumanywa noKrestu Yesu.

14 Yilondoloze kakuhle loo nto siyiphathisiweyo, uncedwa nguMoya oyiNgcwele ohleli kuthi.

15 Uyazi ukuba kwiphondo laseAsiya ndishiywe ngumntu wonke! Kumke nkqu noFilego noHermogene!

16 Kodwa usapho lwakwaOnesiforo lona uThixo unga angalenzela inceba. Kaloku yena wandinceda kaninzi-ninzi xa ndandineengxaki. Zange yena abe nazintloni ngokundihambela entolongweni.

17 Wathi efika nje eRoma, wandifuna wada wandifumana.

18 Wanga angenzelwa inceba ngaloo Mini yeNkosi! Ndiyayicela loo nto eNkosini! Izinto awayendenzela zona e-Efese zaziwa nguwe ngaphezu kokuba ndingakuxelelayo mna.

kwizahluko

1 2 3 4